Siyakudumisa Thixo

Siyakudumisa Thixo siya kuvuma ukuba unguYehova
Umhlaba wonke ubedesha wena
uYise ongunaphakade
Zonke ingelosi zimemeza kuwe.kwanezulu nawo onke amandla akulo
Ikerubime nesarifime.zimana zimemeza kuwe
Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele.Yehova, Thixo wemikhosi

Izulu lizele kwanomhlaba.bubukhulu bobungcwalisa bakho
Umhlabi wobungcwalisa wabapostile uyakudumisa
Ama kholwa naabahle aabaprofeti.bayakudumisa
Umkhosi odumileyo wabafele wena uyakudumisa

Ihamente engcwele kulo lonke ilizwe.iyakuvuma
UYise obukhulu bungenambaliso
UNyana wakho emnye.odumileyo oyinene
KwanoMoya oyiNgcwele umOnwabisi
Wen’ungu Kumkani wobungcwalisa Wena Kristu
Wen’unguNyana ongunaphakade.woYihlo
Uthe wena wakunyula umsebenzi wokusindisa abantu.akwasidela isizalo sentombi
Uthe wakuba woyisile ubukhali bokufa wavulela bonke abakholwayo ubukumkani bezulu
Wena uhleli ngasekunene kuThixo ebungcwaliseni boYihlo
Siyakholwa ukuba woza ubengumGwebi wethu
Siyakuthandaza ngoko siza izicaka zakho ozithengileyo ngegazi lakho elinqabileyo
Zenze ukuba zibalwe ndawonye nabangcwele bakho ebungcwaliseni obungunaphakade
Nkosi sindisa abantu bakho.uthamsanqelise ilifa lakho
Baphathe ubaphakamise.kude kube ngunaphakade

Thina imihla ngemihla sikwenza mkhulu wena.
Sihlala sibedesha igama lakho.kude kube kunaphakade
Sincede Nkosi usilondoloze ngale mini singabi nasono
Nkosi zusiphathe ngetaru zusiphathe ngetaru

Nkosi itaru lakho malihle phezu kwethu njengokuba ithemba lethu likuwe
Nkosi ndithembe wena ma ndingaze ndidaniswe
Nkosi ndithembe wena ma ndingaze ndidaniswe

Canzoni più popolari di Amadodana Ase Wesile

Altri artisti di Gospel