Phezu Komhlaba

Phezu komhlaba ngamazwe ngamazwe
Phezu komhlaba zizizwe ngezizwe
Apho
Apho iintetho zahluka-hlukayo
Apho maninz'
Apho maninz’amasiko enizwayo

Kodwa nangona
Kodwa nangona zahluka-hlukayo
Kukho indawo
Kukho indawo zihlangana ngayo
Zonke izizwe
Zonk’izizwe zihlel’ezonweni
Zonke izizwe
Zonke izizwe zotshon’ekufeni

Apha ngaphantsi
Apha ngaphantsi uncedo alukho
Apha ngaphantsi
Apha ngaphantsi ubomi abukho
Phaya phezulu
Phaya phezulu silangazelela
Apho uMncedi
Apho uMncedi wabooni wovela

Yesu inguwe
Yesu inguwe onokusindisa
Yesu inguwe
Yesu inguwe onokuphilisa
Sesithembele
Se sithembele kwawakho amandla
Sesibambile
Se sibambile esaKho isandla

Wena wafela
Wena wafela abooni bomhlaba
Wena wazisa
Wena wazisa izizwe iindaba
Yiba nodumo
Yiba nodumo kumazwe ngamazwe
Yiba nodumo
Yiba nodumo kwizizwe ngezizwe

Wena wafela
Wena wafela abooni bomhlaba
Wena wazisa
Wena wazisa izizwe iindaba
Yiba nodumo
Yiba nodumo kumazwe ngamazwe
Yiba nodumo
Yiba nodumo kwizizwe ngezizwe

Amen

Canzoni più popolari di Amadodana Ase Wesile

Altri artisti di Gospel